ISIKHOKELO SOKUFIKELELA KULWAZI
OKUQULATHIWEYO
Elokuvula
Imisebenzi yamasebe ICandelo le-141a
Ubume beziko ICandelo le-141a
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zegosa lengcaciso ICandelo le-141b
IsiKhokelo seKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika
Iirekhodi
Imigaqo yokucelwa kolwazi
Iinkonzo ezifumanekayo ICandelo le-141f
Amancedo afumanekayo xa kungathotyelwanga imigaqo
Imali emiselwe ngumthetho ICandelo le-141h
ELOKUVULA
Ngokwemiqathango yeshedyuli yesi-3 yesigaba A somThetho woLawulo lweMali kaRhulumente (PFMA), 1999 (umThetho woku-1 we-1999), olungisiweyo, nangokwemigaqo yomthetho ongentla, i-NEMISA inoxanduva lokuqulunqa esi sikhokelo esiya kuba luxwebhu loluntu jikelele nesiya kubangela ukuba abantu babe nokufikelela kwiirekhodi zethu.
INTSHAYELELO
Injongo ye-NEMISA kukwandisa amanani abaphuhlisi be-ICT abanezakhono kunye nabasebenzisi abasuka kuluntu obeluhlelelekile ngaphambili, nto leyo iya kukhokelela ekwandeni kwesakhono kwiinkalo ezintsha zobuchwephesha nezamajelo eendaba. I-NEMISA ijolise ekulondolozeni inani labafundi elinamabhinqa akwisininzi.
UMBONO
Umbono we-NEMISA kukuba liziko lezemfundo elijolise kumsebenzi owenziwayo, nelijolisise kanobom kuphuhliso lwezakhono zejelo losasazo. Sinenjongo yokuba ngabona babonakala bephambili kanobom kuphuhliso nasekufezekisweni kweenkqubo zoqeqesho lwezoshishino kwicandelo lejelo losasazo.
INGXELO YOMSEBENZI ONGUNDOQO
Umsebenzi wethu ongundoqo kukubonelela ngemveliso neenkonzo ezisemgangathweni ezifanele abantu, ezingenazindleko ziphezulu, nezoshishino ngokukhuphela kubo ulwazi oluphangaleleyo nobambiswano.
ISICWANGCISO ESINGUNDOQO SOKUJOLISWE KUKO (KWITHUBA ELIDE)
Isicwangciso esingundoqo se-NEMISA kukuqeqesha nokuvelisa izithwalandwe ezizakhono zimbaxa eziya kudlala indima ephambili kusasazo nakwicandelo lonxibelelwano olumajelo ambaxa, ikwenza oko ngeenkqubo zezifundo ezahlukeneyo, ngeekhosi nangamaphulo. Izicwangciso ezingundoqo ekujoliswe kuzo zezi:
Ukuphembelela inguqu kushishino losasazo.
Ukufaka igalelo ekusekweni kwamakhondo kwishishini leenkonzo zosasazo.
Ukuqhuba nokufaka igalelo kushishino kwinqwanqwa lomgaqo-nkqubo nelemigangatho.
Ukuhlala usekhondweni elifanelekileyo ngokuthatha inxaxheba ebonakalayo kuphuhliso loshishino..
Ukuseka ubambiswano kwisicwangciso esingundoqo kwisigaba sasekuhlaleni, sommandla nakwesamazwe ngamazwe.
IINJONGO ZESICWANGCISO
Ukuxhasa izicwangciso zezi njongo, I-NEMISA inezi njongo zesicwangciso esingundoqo:
Ukufaka igalelo ekuguqulweni kwecandelo lejelo losasazo ngokubonelela ngezakhono.
Ukuphuhlisa ulwazi oluya kuvelisa imveliso yasekuhlaleni ekumgangatho oncomekayo ngeendlela ezahlukeneyo.
Ukuphuhlisa nokufezekisa isicwangciso sokubambisana.
Ukubeka i-NEMISA njengeziko elikhethekayo kwilizwekazi.
Ukuqinisekisa uzinzo lombutho wethu ngokuzama iindlela ezahlukeneyo zemithombo yengeniso.
Amalungu eBhodi anamalungu ama-6 angekho kwisigqeba solawulo nelungu eli-1 lesigqeba seBhodi anyulwa nguMphathiswa wezoNxibelelwano kwaye ami ngolu hlobo:
IGAMA
IZIKO
ITAYITILE
UMlawuli oPhetheyo
IGosa loLawulo eliyiNtloko eliBambeleyo nokwaliGosa loLawulo eliyiNtloko leQela
IZiko loSasazo loMzantsi-Afrika
IGosa loLawulo eliyiNtloko: iRediyo
ISebe leeNkonzo zoLuleko
UMlawuli oyiNtloko
IZiko loSasazo loMzantsi-Afrika
Ingcali yobuNjineli kwezoSasazo
NEMISA
UMlawuli oyiNtloko
IBhodi yabaLawuli iphantsi koMnini-sabelo enika kuye ingxelo ngoxanduva lwayo elutyathiswe yimigaqo yomThetho woLawulo weMali kaRhulumente (PFMA).
IBhodi yabaLawuli inala malungu:
Amalungu amathandathu angengawo awesigqeba solawulo anyulwe nguMphathiswa ngokwemigaqo yomThetho, kunye
Imisebenzi yobugciniswa yeBhodi yabaLawuli imiselwa yimigaqo yomThetho woLawulo lweMali kaRhulumente nayeyomThetho weeNkampani, 1973. Uxanduva olubanzi lweBhodi yabaLawuli luchakiwe kwakhona kumThetho woLawulo lweMali kaRhulumente.
Ngaphandle kokucutha imigaqo yomThetho neyomThetho woLawulo lweMali kaRhulumente, eyona misebenzi ingundoqo yeBhodi yabaLawuli iya kuquka oku kulandelayo:
Ukuqinisekisa ulawulo lwenkampani olusulungekileyo lwe-NEMISA;
Ukucebisa i-NEMISA ngokuphathelele kwisicwangciso esingundoqo solawulo, ekuqulunqweni komgaqo-nkqubo nangobume beKomiti eLawulayo / isiGqeba soLawulo;
Nokukhokela, ukubeka iliso nokulawula imisebenzi ye-NEMISA.
I-NEMISA iyayamkela imigaqo yolawulo lwenkampani kunye nendlela yokuziphatha equlethwe kwingxelo kaKing yolawulo lwezinto zonke nakumThetho woLawulo lweMali kaRhulumente.
Iikomiti zeBhodi zinyulwa yiBhodi ngokuvumelana nemithetho esele ikhankanyiwe.
Ikomiti yoPhicotho-zincwadi
IKomiti yoPhicotho-zincwadi yasekwa ngenjongo yokuqinisekisa ukuba i-NEMISA ithe gqolo ngolawulo olusulungekileyo, olungenachaphaza lwenkqubo esekuhleni yemali, ukulawulwa kwentlekele nolawulo lwangaphakathi.
Okwakalokunje, isabunjwe ngamalungu eBhodi kuphela, kodwa ke ikomiti inalo ilungelo lokukhwebela kuyo amalungu aliqela ngenjongo yokuba akhonze njengamalungu ekomiti.
Ikomiti inika ingxelo kwiBhodi ye-NEMISA ngeziphumo zophicotho-zincwadi nangomgangatho nengxam yeziphumo zemali ezithiwe thaca.
I-NEMISA, ngokubambisana ne-Universal Service Agency (USA), ikwiphulo lokuseka iKomiti yangaphakathi yoPhicotho-zincwadi eya kuba namalungu ama-3, ilungu elinye kwiziko ngalinye kunye nelungu elizimeleyo. Le Komiti iya kuzimela - ayiyi kuba phantsi kwabaLawuli, kweBhodi ye-NEMISA kwaye ingasayi kuba phantsi kweKomiti yoPhicotho-zincwadi. Eyona njongo iphambili yale Komiti kukuqulunqa imigaqo-nkqubo nemigaqo ephathelele kulawulo lwangaphakathi lweziko kwanokuqinisekisa ukuba umThetho woLawulo lweMali kaRhulumente uyathotyelwa. Le komiti iya kunika ingxelo kubaLawuli nakwiKomiti yoPhicotho-zincwadi ye-NEMISA.
Ingqesho enobuLungisa
I-NEMISA ikhuthaza ukuxhotyiswa kwabasebenzi bayo ngokuthi bathabathe inxaxheba kwimibutho ekhoyo ngemiba ephathelele kubasebenzi, kuqeqesho, kuphuhliso nasekwabelaneni ngengcaciso. iI-NEMISA ilibona iphulo lokunikwa kwabebehlelelekile amathuba njengoyena ndoqo kwiphulo layo lokugaya abasebenzi kwaye igxininisa kanobom ekugayeni abasetyhini.
Impilo noKhuseleko
Inkampani izimisele ekuqinisekiseni ngendawo yokusebenza ekhuselekileyo. IKomiti yezeMpilo noKhuselo ziyalelwe ukuba zijongane nokufezekiswa kwale miba.
IBhodi yabaLawuli
Igcisa le-IT X 2 (IT Technician)
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO ZEGOSA LENGCACISO
Inombolo yefowuni : 011-484 0583
Amaxesha omsebenzi: 08:00 - 18:30 ngoMvulo ukuya kuma ngoLwesihlanu
ISIKHOKELO SEKHOMISHONI YAMALUNGELO OLUNTU YOMZANTSI-AFRIKA Icandelo 141c
Ngokwemigaqo yomThetho wokuKhuthazwa kokuFikelela kuLwazi, iKhomishoni yamaLungelo oLuntu kufuneka, zingaphelanga iinyanga ezili-18 emva kokusungulwa kweli candelo, iqulunqe ngolwimi ngalunye olusemthethweni isikhokelo esiqulethe ingcaciso, ngohlobo nangendlela ekuya kuba lula ngayo ukuqondakala kwayo kuye nawuphi na umntu ofuna ukusebenzisa naliphi na ilungelo elichazwe kulo mThetho.
Isikhokelo siya kufumaneka kwiKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika ingaphelanga inyanga yeThupha (Agasti) 2003 kwaye imibuzo ingajoliswa:
KwiKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika: ICandelo lomThetho wokuFikelela kwiNgcaciso: iSebe loPhando noNcwadi.
Ifowuni : 011-484 8300
Ifeksi : 011-484 1360
IIREKHODI
Iirekhodi ezinokucelwa:
Imizuzu nezigqibo zeBhodi kuqukwa nezeekomiti zeBhodi.
Iirekhodi ezisekwe ngokwemigaqo yomthetho njengoko kuyalelwa njalo ngumThetho weeNkampani nayimithetho eyiyeminye.
Iirekhodi zezipho nezenkxaso-mali.
Enye ingcaciso ephathelele kulawulo jikelele.
Ukuhlola Icandelo le-15 (a)(i)
Izatifikethi zokuvunywa.
Imigaqo-nkqubo yeNkampani
Ngaphandle kwentlawulo Icandelo le-15 (a)(iii)
Ingcaciso ngoqeqesho nangeenkqubo.
Iingxelo ezenziwa kumaphephandaba.
QAPHELA: IKHO IMALI EYA KUHLAWULWA NGEEKOPI EZENZIWEYO ZAWO ONKE AMAXWEBHU ADWELISWE PHANTSI KOMHLATHI 6.1 NOWE-6.2.1
UMGAQO WOKUCELWA KWENGCACISO
Umenzi-sicelo kufuneka asebenzise ifom epapashwe kwisiHlokomiso sikaRhulumente (Isaziso R187 sowe-15 kweyeDwarha 2002), esihlonyelwe kwesi sikhokelo "njengesiHlomelo A".
Umenzi-sicelo kufuneka achaze ukuba ingaba ufuna ikopi yencwadi okanye ufuna nje ukujonga iirekhodi kwiiofisi ze-NEMISA kusini na Icandelo lama-292.
Umenzi-sicelo uya kuyifumana ingcaciso ngohlobo ayicele ngalo. Kodwa ke, ukukhutshwa kwengcaciso kuya kuxhomekeka ekubeni ingaba isicelo eso asingeni ngeenyawo ezinodaka kwimicimbi yolawulo lwemihla ngemihla ye-NEMISA kusini na, okanye asonakalisi rekhodi na, okanye ingaba asiphazamisani namalungelo opapasho lokubhaliweyo angekho ezandleni zikarhulumente kusini na Icandelo lama-293. Ukuba ingcaciso ecelwayo ayinakho ukuba ingakhutshwa ngohlobo ecelwe ngalo, kodwa inokukhutshwa ngenye indlela, umenzi-sicelo uya kuhlawula imali yaloo ndlela ebecela ukukhutshelwa ngayo Icandelo lama-294.
Ukuba, ngaphezu kwempendulo ebhaliweyo emayela nesicelo sengcaciso, umenzi-sicelo ufuna ukuchazelwa ngesigqibo ngendlela eyiyenye, umz. ngefowuni, oko kufuneka kucaciswe Icandelo le-182e.
Ukuba umenzi-sicelo ucela ingcaciso egameni lomnye umntu, kufuneka abonise iwonga esenziwa kulo isicelo Icandelo le-182f.
Ukuba abenzi-sicelo abakwazi ukufunda okanye ukubhala, okanye ukuba bakhubazekile, banakho ukwenza isicelo sengcaciso ngomlomo. Kwimeko enjalo, igosa lengcaciso kufuneka lizalise ifom egameni labo lize libenzele ikopi yefom ezalisiweyo Icandelole-183.
Igosa lengcaciso liya kuziqwalasela izicelo zengcaciso zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokufunyanwa kwesicelo okanye likwenze oko ngokukhawuleza kangangoko linakho [Icandelo lama-25]. Kwiimeko ezithile, ithuba leentsuku ezingama-30 linakho ukwandiswa kangangeentsuku ezingama-30 kodwa kube kanye [Icandelo lama-26].
Umenzi-sicelo uya kwaziswa ngemali ebekiweyo phambi kokuqwalaselwa kwesicelo sengcaciso [Icandelo lama-22].
Umenzi-sicelo usenokufaka isibheno sangaphakathi esichasa intlawulo yemali yesibheno ebekiweyo Icandelo lama-74 nelama-75 okanye ase isicelo enkundleni yamatyala ukuze siqwalaselwe khona emva kokuba ewathathe onke amanyathelo akhankanywe ngaphambili Icandelo lama-
Umenzi-sicelo uya kwaziswa ukuba ingaba uyavunyelwa kusini na ukuba afikelele kwingcaciso ayicelayo [Icandelo lama-25].
IINKONZO EZIFUMANEKAYO
Injongo ephambili ye-NEMISA kukuphuhlisa inkonzo yosasazo enesakhono sokuyila neqhutywa ngokobuchwepheshe beli xesha neenkqubo zejelo elimbaxa, miba leyo iya kuxhobisa izithwalandwe zayo ngezakhono zokusebenza kumanqwanqwa olawulo eshishini.
Ezi nkqubo zijolise kubantu abathile. Abantu ekujoliswe kubo kwiinkqubo ezisisigxina ngaba balandelayo:
Abantu abasuka kuluntu obeluhlelelekile ngaphambili.
Ugxininiso kwabasetyhini.
AMANCEDO AFUMANEKAYO XA KUNGATHOTYELWANGA IMIGAQO YOMTHETHO WOKUKHUTHAZA UKUFIKELELA KWINGCACISO ICANDELO 141H
Amancedo afumanekayo kubenzi-zicelo xa imigaqo yomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kwiNgcaciso ithe ayathotyelwa, ngala alandelayo:
Ukufaka isibheno kwiBhodi ngesigqibo seGosa leNgcaciso.
Ukuba umenzi-sicelo akanelisekanga sisigqibo seBhodi, usenokufaka isibheno kwiNkundla yamatyala.
IMALI EMISELWE NGUMTHETHO
Olu lwazi lufumaneka xa luthe lwacelwa.
